Ulwimi LwaseKhaya Ibanga 4 Iphepha LesiThili EyoKwindla 2023
ISIGABA ESIPHAKATHI
IBANGA LESI-4
EYOKWINDLA 2023
ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA
IGAMA LOMFUNDI:
....................................................................................................................
UMHLA:
....................................................................................................................
IIYURE 2
Itekisi eyinyani/engeyonyani [15]
Okubonwayo [10]
Izakhi nemigaqo yokusetyenziswa kolwimi [15]
Amanqaku Ewonke [40]
Phendula yonke imibuzo ngokucacileyo nangokufanelekileyo.
Eli phepha linamaphepha ama-7
1
Ulwimi LwaseKhaya Ibanga 4 Iphepha LesiThili EyoKwindla 2023
Umbuzo 1
Isicatshulwa
Funda esi sicatshulwa uze wandule ukuphendula imibuzo elandelayo
UTHANDO LUKAMAMA
Kwilali yaseKwelerha, kwidolophu yaseMonti kwaye kukho usapho lakwa
Njilo olwalunomama ogama linguNobuntu owayesokola kakhulu. Lo
mama wayenabantwana abahlanu, iintombi ezimbini nabafana abathathu.
Amagama abo yayinguNosisa, uNomsa, uThemba, uLizo noMsawenkosi.
Wayesebenza nzima engafuni okokuba abantwana bakhe basokole
njengaye. Imisebenzi awayeyenza yayikukuhlamba iimpahla emizini,
alime izitiya zabantu nesakhe. Nangona wayebuya ediniwe emsebenzini
wayeqinisekisa okokuba uyazihlamba iimpahla zabantwana bakhe,
abaphekele, abancedise ekwenzeni umsebenzi wasekhaya abawunikwe
esikolweni. Phambi kokuba alale wayecula nabantwana bakhe iingoma
zolonwabo, abafundele amabali kwiincwadi ezindala, ezigugileyo
awayezifunda esemcinane.
Ngeemini zokuzalwa kwabantwana bakhe wayebapha izipho, maxa
wambi abenzele amaqebengwana. Wayebakhelela neentyantyambo
zasendle ezimibalabala ukubonisa uthando lobuzali. Impahla yabo
yokunxiba ebeyithunga ngokwakhe. Babengakhathalelanga kuhlekwa
ngabahlobo kuba umama wabo wayebenzela ngothando. Wayebafundisa
2
Ulwimi LwaseKhaya Ibanga 4 Iphepha LesiThili EyoKwindla 2023
ukwanela yilonto banayo. Babekuthanda kakhulu ukufunda amabalana
nemibongo. Xa bedlala nabahlobo babebuzana nemibuzo kwezo zinto
babezifundile. Loo nto yabenza ukuba babekrelekrele kakhulu
ezifundweni nasekubhaleni. Babehamba lula nakwezinye izifundo
esikolweni.
Intlupheko nothando lukanina lwenza babenothando kwabanye abantu
bakwazi nokusebenza nzima. Kunamhlanje nje ababini kubo ngoogqirha.
Omnye uneshishini elikhulu lokuthunga impahla ukanti ababini
banamashishini okubhaka. Bakwatyala iintyatyambo bazithengise
nakumazwe aphesheya. Ngenene ingqeqesho nothando lukamama
nokuzimisela kwenza ukuba baphumelele ebomini
Imibuzo:
Biyela unobumba ochanekileyo
1.1. Ngubani lo kuthethwa ngaye kweli bali (1)
A. NguMusawenkosi
B. NguNosisa
C. NguNobuntu
D. NguThemba
1.2. Babengaphi abantwana bakaNobuntu (1)
A. Babebathathu
B. Babebahlanu
C. Babebane
D. Wayenamawele
1.3. Lithetha ngantoni eli bali (1)
A. Ngokufunda
3
Ulwimi LwaseKhaya Ibanga 4 Iphepha LesiThili EyoKwindla 2023
B. Ngentyatyambo
C. Ngokucoceka
D. Ngothando
1.4. Gqibezela esi sivakalisi (2)
UNobuntu wayephila ngoku __________________________
nangoku _________________________________________
1.5. Ucinga ukuba kutheni abantwana bakaNobuntu bethanda
ukufunda amabalana nemibongo? (2)
________________________________________________
1.6. Sazi njani ukuba uNobuntu wayekhe waya naye esikolweni (2)
1.7. Ucinga ukuba besiya kubanjani isiphelo soNosisa ukuba
bengamamelanga umama wabo ? (2)
1.8. Ingaba kuyinyani oku okanye akuyonyani? Nika isizathu
sempendulo yakho (2)
Abantwana bakaNobuntu bebengathandi ukwenza
umsebenzi wesikolo ngexesha lokudlala.
___________________________________________________________________________
___________________________________________________________________________
1.9 Funa uze ubhale isivakalisi sibe sinye apha ebalini esibonak
alisa ukuba abantwana bakaNobuntu babanempumelelo
ebomini (2)
4
Ulwimi LwaseKhaya Ibanga 4 Iphepha LesiThili EyoKwindla 2023
________________________________________________
Amanqaku {15}
Umbuzo 2
Itekisi ebonwayo
Jonga umfanekiso ubuye uphendule imibuzo.
2.1 Zingaphi izinja ozibona kulo mfanekiso? (1)
_________________________________________________________
2.2 Kokuphi okona kutya ikuthandayo inja? (1)
_________________________________________________________
2.3 Xa inja ingatofi iye igule yintoni? (1)
2.4 Bhala phantsi igama lenja oyaziyo. (1)
_________________________________________________________
2.5 Unjani umbala wayo le nja uyaziyo? (1)
_________________________________________________________
2.6 Bhala phantsi umsebenzi wenja emakhayeni ethu ? (2)
_________________________________________________________
5
Ulwimi LwaseKhaya Ibanga 4 Iphepha LesiThili EyoKwindla 2023
2.7Yenza ntoni inja xa ibona abantu engabaziyo? (1)
_________________________________________________________
2.8 Ingaba uyayithanda inja? (1)
_________________________________________________________
2. 9 Nika isizathu sempendulo yakho kumbuzo ongasentla. (1)
Amanqaku {10}
Umbuzo 3
Izakhi nemigaqo yokusetyenziswa kolwimi
3.1 Khupha intloko, isenzi nenjongosenzi kwesi sivakalisi.
UNobuntu wenza amaqebengwana. (3)
Intloko Isenzi Injongosenzi
3.2 Nika isibizo kwesi sivakalisi
Abantwana batyala intyatyambo. (1)
_________________________________________________________
3.3 Fakela oonobumba abakhulu, ikoma nesingxi (4)
kubantwana bakanobuntu omnye wayeneshishini lokubhaka omnye
ethunga impahla
_________________________________________________________
3.4 Nika izininzi zala magama (2)
Umntwana
6
Ulwimi LwaseKhaya Ibanga 4 Iphepha LesiThili EyoKwindla 2023
Unobuntu
3.4 Bhala esi sivakalisi sibe kwixesha langoku (1)
UNobuntu wayecula iingoma.
_________________________________________________________
3.6 Khetha isenzi kwesi sivakalisi (1)
Abantwana bafunda amabalana.
_________________________________________________________
3.7 Nika isinciphiso seli gama (2)
Ibali
Impahla
3.8 Fakela isimelabizo soqobo kwigama elibhalwe ngqindilili (1)
UNobuntu uyabathanda
________________________________________________________
Amanqaku {15}